Isikhalo Samanina Poem Rhyme Scheme and Analysis
Rhyme Scheme: ABBBBCDEFE CGGFFFFFGGEAECECEBHI AC IDIGGDG IIICCCCCCC IF| Umntu obhinqileyo ityantyambo | A |
| ebukekayo | B |
| Imbewu enomtsalane ne thandekayo | B |
| Isihlobisi somzi esincomekayo | B |
| Umlisela nomthinjana ikamva eliqhakaziyo | B |
| Intsana abaphathi bobukumkani bamazulu | C |
| Bakhona kumqulu waphezulu kuba wenjenjalo ubathanda uQamata | D |
| Ihlabathi liyanda liyaqhama phantsi kwegama lebhinqa | E |
| Emakhaya kunuka uthanda kuphithizela imvano ngenxa yamakhosikazi | F |
| Oonobangela boxolo inzolo nongcwangco | E |
| - | |
| Nam bendibalisa imbali ngoba akusenjalo | C |
| Ubomi yimozuli ngenene buyaguquka inene | G |
| Ngoba ndibona amanene sele ezizilwanyane | G |
| Imijelo yamanzi ingcweli gazi | F |
| Izidlele ngumfula wenyembezi | F |
| Kuphefuma Isono soMfazi | F |
| Ndiyafacisa nam andazi | F |
| Aphila ubomi bentshontsho amakhosikazi | F |
| Thyini Banqabe okwemvula yasebusika abaseThyini | G |
| Intsana zenza iincwina nezijwili azinanina | G |
| Aphela Amanina omzi waseAfrika | E |
| Bayabhukruzwa okwehagu ezityi ntsimi | A |
| Bayaqhekezwa okwe komtyii zomlungu | E |
| Bayaqwegwa okwabazingeli endle | C |
| Bayaxhelwa okwebhokhwe zamasiko | E |
| Bayatshiswa okwempahla endala | C |
| Bayadlwengulwa bangamaxhoba okuxhatshazwa ngamaxhalanga | E |
| Amantombazana aphila nedyudyu | B |
| Boyika isandyondyo ezivele sithi dyulukudu sokufa | H |
| Liyintoni ikamva lesisizwe | I |
| Xa kubhanga ityantyambo | A |
| KoQhama bani xa kuphangwa imilisela | C |
| - | |
| Madibuyeleni kuNdalashe apho Amanina ebebukwa | I |
| Masijike sijonge phaya mandulo apho owasethyini ebephathwa okweqanda | D |
| MzikaPhalo eyonakeleyo iyalungiswa | I |
| Yhini maDuna sixoleleni | G |
| Ndizityanda igila ndiyazithoba egameni labantu lamanina | G |
| Bayaphi uBuntu kuLuntu | D |
| Izazela zifile abantu bangamaxholovane | G |
| - | |
| Mandiguqe ndiphe amandolo ukutya kwawo | I |
| Ndakhe umkhanyo ndijonge phezulu kuBawo | I |
| Ngumqali nomgqibelelisi wobomi lowo | I |
| Mvelingqangi sikhumbule | C |
| Hlisa liso lakho usikhangele | C |
| Sisizukulwana sakho owawusithandile | C |
| Emadabini amaninzi usonyule | C |
| Kwinzunguzi ezimnyama usiwezile | C |
| Kwimisinga enamandla utsibisile | C |
| Sibambe ngesandla usikhusele ngoba unguSomandla | C |
| - | |
| Musa Maliwa | I |
| Peace | F |
Musa Maliwa
(C) All Rights Reserved. Poem Submitted on 07/01/2020
(1)
Poem topics: , Print This Poem , Rhyme Scheme
Previous Poem
Our Normal Poem>>
About Isikhalo Samanina
Isikhalo Samanina is a poem by Musa Maliwa. This page includes the poem text, poet information, related topics, comments, and similar poems.
Write your comment about Isikhalo Samanina poem by Musa Maliwa
Best Poems of Musa Maliwa
