Isikhalo Samanina Poem Rhyme Scheme and Analysis
Rhyme Scheme: ABBBBCDEFE CGGFFFFFGGEAECECEBHI AC IDIGGDG IIICCCCCCC IFUmntu obhinqileyo ityantyambo | A |
ebukekayo | B |
Imbewu enomtsalane ne thandekayo | B |
Isihlobisi somzi esincomekayo | B |
Umlisela nomthinjana ikamva eliqhakaziyo | B |
Intsana abaphathi bobukumkani bamazulu | C |
Bakhona kumqulu waphezulu kuba wenjenjalo ubathanda uQamata | D |
Ihlabathi liyanda liyaqhama phantsi kwegama lebhinqa | E |
Emakhaya kunuka uthanda kuphithizela imvano ngenxa yamakhosikazi | F |
Oonobangela boxolo inzolo nongcwangco | E |
- | |
Nam bendibalisa imbali ngoba akusenjalo | C |
Ubomi yimozuli ngenene buyaguquka inene | G |
Ngoba ndibona amanene sele ezizilwanyane | G |
Imijelo yamanzi ingcweli gazi | F |
Izidlele ngumfula wenyembezi | F |
Kuphefuma Isono soMfazi | F |
Ndiyafacisa nam andazi | F |
Aphila ubomi bentshontsho amakhosikazi | F |
Thyini Banqabe okwemvula yasebusika abaseThyini | G |
Intsana zenza iincwina nezijwili azinanina | G |
Aphela Amanina omzi waseAfrika | E |
Bayabhukruzwa okwehagu ezityi ntsimi | A |
Bayaqhekezwa okwe komtyii zomlungu | E |
Bayaqwegwa okwabazingeli endle | C |
Bayaxhelwa okwebhokhwe zamasiko | E |
Bayatshiswa okwempahla endala | C |
Bayadlwengulwa bangamaxhoba okuxhatshazwa ngamaxhalanga | E |
Amantombazana aphila nedyudyu | B |
Boyika isandyondyo ezivele sithi dyulukudu sokufa | H |
Liyintoni ikamva lesisizwe | I |
Xa kubhanga ityantyambo | A |
KoQhama bani xa kuphangwa imilisela | C |
- | |
Madibuyeleni kuNdalashe apho Amanina ebebukwa | I |
Masijike sijonge phaya mandulo apho owasethyini ebephathwa okweqanda | D |
MzikaPhalo eyonakeleyo iyalungiswa | I |
Yhini maDuna sixoleleni | G |
Ndizityanda igila ndiyazithoba egameni labantu lamanina | G |
Bayaphi uBuntu kuLuntu | D |
Izazela zifile abantu bangamaxholovane | G |
- | |
Mandiguqe ndiphe amandolo ukutya kwawo | I |
Ndakhe umkhanyo ndijonge phezulu kuBawo | I |
Ngumqali nomgqibelelisi wobomi lowo | I |
Mvelingqangi sikhumbule | C |
Hlisa liso lakho usikhangele | C |
Sisizukulwana sakho owawusithandile | C |
Emadabini amaninzi usonyule | C |
Kwinzunguzi ezimnyama usiwezile | C |
Kwimisinga enamandla utsibisile | C |
Sibambe ngesandla usikhusele ngoba unguSomandla | C |
- | |
Musa Maliwa | I |
Peace | F |
Musa Maliwa
(1)
Poem topics: , Print This Poem , Rhyme Scheme
Submit Spanish Translation
Submit German Translation
Submit French Translation
Previous Poem
Our Normal Poem>>
Write your comment about Isikhalo Samanina poem by Musa Maliwa
Best Poems of Musa Maliwa