internetPoem.com Login

Bawo Wethu Osezulwini

Nosicelo Matinise

Bayethe,bayethe,bayethe.
Silo saphezulu, umkhulu wena,
onke amadolo ayagoba phambi kwakho.
Indalo iyakwazi,amazulu ayakubabaza,
wawukhona izinto zingekabikho,
kodwa wena wawuselukhona.

Ungumabizw'sabele,awuguquki
into oyithethile izolonanamhlanje usayithetha.
singasuka siyephi xa sinokusuka kuwe.
Usisiqalo usisiphelo,
uthembekile,abanye bathi awukho,
abanye bathi ukhona.

Ngoba awubonakali ngeliso lenyama,
sikubona ngemisebenzi.
usenzela inceba engasifanelanga,
awusibaleli amatyala ethu.
Elizwini lakho sifumana ukuphi,
ilizwi lakho silalangalo sivuke ngalo,
liyasilwela ilizwi lakho,lisusa ubumnyama.
lisinika ithemba ilizwi lakho, liyasithuthuzela.
Kubobonke oThixo akekho onje ngawe,
ithi ingekho uyenze ibekhona,
ngoba xa ubala uqala kwiqanda into engekho.
Mdala wezintsuku "bayethe"

(C) Nosicelo Matinise
10/31/2019


Best Poems of Nosicelo Matinise